Published online by Cambridge University Press: 16 April 2025
UKUFA
“Yintoni na le Kufa nakumbanandini,—
Ufakwe yini na kodw’ aph’ ebantwini?
Uzalwa sisono uyihlo yinyoka,
Akukhw’ endalweni,—andikukujoka!”
Iphepha ngalinye eliphumayo ngezi mini liphuma liphethe umphanga womntu ebekungafuneki nganto ukuba afe. Ngoko ndinga ndingaqondisiswa:
Ukufa lo ngubani na?
Engunyana kabani na?
Le nt’ anj’ ukutabalaza,
Yonk’ impil’ eyiphalaza;
Loo magunya unawo na?
Wayenikwe kangako na?
Usesemthethweni na ke?
Masim’ iinyawo kwelo ke.
Wayephi na emyezweni?
Ngomhl’ omkhulu endalweni?
Phendulani bafondini
Inyaniso ime imi;
Amaguny’ anikwa thina
Ngoko yena wayephi na?
Kwathw’ “umhlaba niwoyise.”
Kwatsh’ uThixo onguYise.
Lo mnumzan’ uvele kubi
Wathi thu ngomhla wobubi;
Kuqale kwavel’ inyoka
Yenz’ izwi lokusinyoka;
Sagxothwa buphuthuphuthu,
Kwatsho kwayimbuthumbuthu;
Kwamakrele kwamililo
Kwazigulo kwazililo.
Uvel’ apho k’ umthakathi,
Sel’ ezenza umphakathi;
Wanikwa ke buqwengana,—
Ngabo wazenz’ isinhanha.
Itsh’ imbali sinityele
Vukani kade nilele.
Lo mfo mna ndimmangalele
Ndimlwa naxa sendilele.
Yimo yoo”Vuk’ endleleni”
Ukujika endleleni,—
Ath’ ephathiswe kangaka
Azinik’ uhakahaka,
Ngeenyawo ezinodaka,
Utsho umbus’ ube mdaka.
Bungcole nobukumkani
Bangabant’ abanenkani.
Ngok’ isono masigxothwe,
Sichithwe nasemabhotwe;
Masincethezwe komkhulu.
Ngengqungquthela enkulu;
’Ze sigwetywe sisakaswe
Nenzala yas’ isasazwe;
Sis’ esazala uKufa,
Sisamfukamel’ uKufa.
Ndimem’ imbizo enku-u-lu,
Komncinane nakomkhulu.
Ndiyimem’ ezazeleni,—
Zomnye ngamny’ ezingontsini.
Ngexesh’ asaphanyazayo
Imithamb’ isabethayo.
Lo mf’ uKufa makagxothwe
Le nt’ ayaziwa eBhotwe.”
Wena Mfu. Sigonyela Khakhaza
Kambe loo ndod’ idlul’ apha
Uth’ uKufa ibiziwe
Labhong’ ilizwe lancama.
Hamba bawo ugqibile.
UMnu. P. Ntsiko
Lo mfana ubesandul’ ukubhala esithi mandimthumele imigca ethetha ngo “Khawulezis’ amaxesha.”
Nantso kambe sewunayo
Wayizuza wagqithisa.
Waqalelwa ngumfazana;
Ibe phi na le nkedama?
Hay’ amanzi ukuthamba,
Kanti mhlamnye alilitye;
Hamba kwekw’ omfo kaNtsiko
Uth’ uKufa ubiziwe.
Nawe Mfu. Columbus Ngxwana
Thole lomgquba lakwaNgqika
Kwingcwaba likaLwaganda
Ubupheth’ intlwayelelo,
Inembew’ entle phakathi.
Kwizwe lakwaMamabolo
Obuthunywe kulo wena.
Besijong’ iint’ ezinkulu
Sinamabhong’ amakhulu,
Sikubona ujongole
Uvutha uphum’ iintlantsi.
Qhaph’ uKufa wathi pheza
Naw’ ubiziwe phambili.
Pheza ke Mnywabe omkhulu
Thole lamalinda-ngcwaba!
Kuwe Mfu. Arthur Magabela
Thole lezidwangube zakwaMdange,
ZakwaMdange wenqabaza;
Ubekujongil’ uBhishophu
Ekuthetha x’ ungevayo;
Bhekuza kujub’ indyulo
Thole lekhaka nomkhonkotho.
Nanko k’ uKufa ethetha:
Uthi: “Pheza ubiziwe.”
Mandiyeke bafondini,
Hi nje, J. C. kaFondini
Abantw’ aba baya phi na?
Uth’ uKufa ubasa phi na
Ebathath’ emsebenzini,
Beya kulal’ unanini?
To save this book to your Kindle, first ensure [email protected] is added to your Approved Personal Document E-mail List under your Personal Document Settings on the Manage Your Content and Devices page of your Amazon account. Then enter the ‘name’ part of your Kindle email address below. Find out more about saving to your Kindle.
Note you can select to save to either the @free.kindle.com or @kindle.com variations. ‘@free.kindle.com’ emails are free but can only be saved to your device when it is connected to wi-fi. ‘@kindle.com’ emails can be delivered even when you are not connected to wi-fi, but note that service fees apply.
Find out more about the Kindle Personal Document Service.
To save content items to your account, please confirm that you agree to abide by our usage policies. If this is the first time you use this feature, you will be asked to authorise Cambridge Core to connect with your account. Find out more about saving content to Dropbox.
To save content items to your account, please confirm that you agree to abide by our usage policies. If this is the first time you use this feature, you will be asked to authorise Cambridge Core to connect with your account. Find out more about saving content to Google Drive.